fbpx Skip to content

Isikhokelo Sabanini Besiza Ekwahlulelenweyo Ngaso

    Wamkelekile!

    I-Enterprises University of Pretoria Proprietary Limitedibambisene kunye ne-Sectional Title Solutions (Pty) Ltd kunye nezinye iingcaphephe zecandelo lezindlu, baye benza le khosi yasimahla ukuze kuncedwe wena njengomnini wepropathi uqonde iibhenefithi ezisiseko kunye nemithetho yokuba ngumnini khaya kwiSiza Esinabanini Abahluleleneyo Ngaso. Ngaphezu koko, izinto zale khosi ungazifumana ngesiNgesi, isiBhulu, isiZulu, isiXhosa nangeSepedi.

    Esi Sikhokelo Siyintshayelelo Kubanini Besiza Abahluleleneyo Ngaso, yikhosi yokuqala efumaneka kuwe ngoku kwaye yinxalenye yezininzi esicwangcise ukuba sibe nazo. Ngoku i-TRACS yenza ezinye iikhosi ezingakumbu, ukususela kwikhosi eyintshayelelo ukuya kutsho kwikhosi yaBanini Besiza Abahluleleneyo Ngaso ebanzi kunye neekhosi ezongezelelekileyo ezimbalwa ezithetha ngemiba efana nokubuyisela iNdawo yenu kwimeko yezimali entle

    Abathathi-nxaxheba abagqiba le khosi bangenza iiSiza Esinabanini Abahluleleneyo Ngaso sikufanelekele ukufumana izaphulelo ezininzi ezibonelelwa ngababoneleli beesevisi kweli candelo, kanti nabo bangazifumana.

    Amacebiso Okufunda Ikhosi

    Nanga amacebiso amabalwa okukunceda ukwazi ukufunda le khosi:

    • Cofa iqhosha elithi qhubeka ngezantsi ukuze ubone into elandelayo    
    • Cofa kwimifanekiso ukuze uyenze ibe mikhulu
    • Cofa kwiqhosha elithi dlala ukuze ubukele ividiyo    
    • Nikela ingqalelo kwimiyalelo evela kwisikrini ukuze ikukhokele ebudeni bekhosi
    • Khangela amagama angqindilili a-purple njengoko loo magama elinkwe nesichazi-magama
    • Ukuze ufumane iibhenefithi ezipheleleyo zale khosi, zama ukugqiba Izahluko ngokulandelelana kwazo Sekunjalo, ukuba uyafuna, ungaya nokuba kukwesiphi Isahluko
    Back To Top
    Search